1 Nanko, kuvela umfo wakwaThixo kwaYuda ngokwelizwi likaYehova, weza eBheteli; uYarobheham wayemi ngasesibingelelweni eqhumisela.
2 Wankqangaza esibingelelweni ngokwelizwi likaYehova, wathi, Sibingelelo, sibingelelo! Utsho uYehova ukuthi, Uyabona, kuya kuzalwa unyana kwindlu kaDavide, ogama linguYosiya; oya kubabingelela phezu kwakho lo ababingeleli bezigánga, abaqhumisela phezu kwakho, kutshiswe amathambo abantu phezu kwakho.
3 Kwangaloo mini wabaxelela isimanga esiya kuhla, esithi, Siso esi isimanga asithethileyo uYehova: Yabona, isibingelelo esi siya kukrazuka, luphalale uthuthu oluphezu kwaso.
4 Kwathi, akuliva ukumkani ilizwi lomfo wakwaThixo, owankqangazayo esibingelelweni eBheteli, wasolula uYarobheham isandla sakhe esesibingelelweni, wathi, Mbambeni. Sesuka soma isandla sakhe abesolulele kuye, akaba nako ukusibuyisela kwakuye.
5 Sakrazuka isibingelelo, lwaphalala uthuthu esibingelelweni, ngokwesimanga abesixelile umfo wakwaThixo ngelizwi likaYehova.