2 Waba neminyaka emithathu engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguMahaka, intombi ka-Abhisalom.
3 Wahamba ezonweni zonke zikayise, awazenzayo ngaphambi kwakhe; yayingaphelele intliziyo yakhe kuYehova uThixo wakhe, njengentliziyo kaDavide uyise.
4 Noko wathi uYehova uThixo wakhe, ngenxa kaDavide, wamnika isibane eYerusalem, sokumisa unyana wakhe emva kwakhe, sokumisa iYerusalem;
5 ekubeni uDavide wakwenzayo okuthe tye emehlweni kaYehova, akatyeka kuko konke awawisayo ngako umthetho, yonke imihla yobomi bakhe, kwaba semcimbini kaUriya umHeti wodwa.
6 Yaye iyimfazwe phakathi koRehabheham noYarobheham yonke imihla yobomi bakhe.
7 Ezinye izinto zika-Abhiyam, nako konke awakwenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda? Yaye iyimfazwe ke phakathi koAbhiyam noYarobheham.
8 UAbhiyam walala kooyise, bamngcwabela emzini kaDavide. UAsa, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.