12 Wayitshabalalisa uZimri yonke indlu kaBhahesha ngokwelizwi likaYehova, awalithethayo kuBhahesha ngoYehu umprofeti;
13 ngenxa yezono zonke zikaBhahesha, nezono zikaEla unyana wakhe, abóna ngazo, abawonisa ngazo amaSirayeli, ukumqumbisa uYehova uThixo kaSirayeli ngeento zabo ezingento.
14 Ezinye izinto zikaEla, nako konke awakwenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli?
15 Ngomnyaka wamashumi omabini anesixhenxe ka-Asa, ukumkani wakwaYuda, uZimri waba nemihla esixhenxe engukumkani eTirtsa. Abantu babemise iintente eGibheton eyeyamaFilisti.
16 Beva abantu ababemise khona, kusithiwa, UZimri umcebile, kananjalo umbulele ukumkani. Onke amaSirayeli amenza ukumkani kumaSirayeli uOmri, umthetheli-mkhosi, kwangaloo mini emkhosini.
17 Wenyuka ke uOmri enamaSirayeli onke esuka eGibheton, ayingqinga iTirtsa.
18 Kwathi, akubona uZimri ukuba uza kuthinjwa umzi, wangena enqabeni yendlu yokumkani, wayitshisa ngomlilo phezu kwakhe indlu yokumkani, wafa;