1 UAhabhi wamxelela uIzebhele konke awakwenzayo uEliya, nokubabulala kwakhe abaprofeti bonke ngekrele.
2 UIzebhele wathuma umthunywa kuEliya, esithi, Mabenjenje oothixo kum baqokele ukwenjenje, ukuba andithanga, mayela ngeli xa ngomso, ndiwenze umphefumlo wakho ube njengomphefumlo womnye kubo.
3 Wabona, wesuka wahambela ukusindisa umphefumlo wakhe.Waya eBher-shebha, eyeyakwaYuda, wayishiya khona indodana yakwakhe.
4 Wahamba entlango uhambo lwemini enye, waya wahlala phantsi konwele, wazicelela ukuba afe, wathi, Kwanele ngoku, Yehova; wuthabathe umphefumlo wam, ngokuba ndingàlungile ngaphezu koobawo.
5 Wangqengqa ke, wozela, walala phantsi konwele. Kwabonakala khona isithunywa sezulu simshukumisa, sathi kuye, Vuka udle.
6 Wakhangela, nanko kukho ngasentlokweni yakhe iqebengwana elosiweyo lesonka, neselwa lamanzi. Wadla ke, wasela, wabuya walala.
7 Sabuya isithunywa sikaYehova okwesibini, samshukumisa, sathi, Vuka udle, ngokuba uhambo lukhulu kuwe.