10 Kwathi, ekuphumeni kwababingeleli engcweleni, lasuka ilifu layizalisa indlu kaYehova.
11 Ababingeleli ababa nakuma balungiselele ngenxa yelifu; ngokuba ubuqaqawuli bukaYehova bayizalisa indlu kaYehova.
12 Waza wathi uSolomon, UYehova wathi, úya kuhlala esithokothokweni.
13 Ukukwakhela, ndikwakhéle indlu, ukuba ibe yeyokuhlala wena, indawo yokuhlala wena ngonaphakade.
14 Wee guququ ukumkani walisikelela lonke ibandla lakwaSirayeli (laye ke limi lonke ibandla lakwaSirayeli).
15 Wathi yena, Makabongwe uYehova, uThixo kaSirayeli, owathetha ngomlomo wakhe kuDavide ubawo, wakuzalisa ngesandla sakhe, esithi,
16 Kususela kwimini yokubakhupha kwam abantu bam amaSirayeli eYiputa, andinyulanga mzi ezizweni zonke zakwaSirayeli wokwakha indlu, yokuba libe khona igama lam; ndanyula uDavide ukuba abe phezu kwabantu bam amaSirayeli.