44 Xa bathe abantu bakho baphuma, baya kulwa notshaba lwabo, ngendlela obathume ngayo, bathandaza kuYehova, bebhekisa kulo mzi uwunyulileyo, nakule ndlu ndiyakhele igama lakho:
45 yiva ke emazulwini ukuthandaza kwabo nokutarhuzisa kwabo, ubagwebele.
46 Xa bathe bakona (ngokuba akukho mntu ungoniyo), waba nomsindo, wabanikela elutshabeni, bathi abathimbi babathimba, babása ezweni lotshaba olo, nokuba likude nokuba likufuphi;
47 baza bakunyamekela oko ngentliziyo kwelo zwe bathinjelwe kulo, babuya, batarhuzisa kuwe ezweni lababathimbileyo, besithi, Sonile, senza ubugwenxa, senza okungendawo;
48 babuyela kuwe ngentliziyo yabo yonke, nangomphefumlo wabo wonke, bekwelo zwe leentshaba zabo ezibathimbileyo, bathandaza kuwe, bebhekisa elizweni labo owalinika ooyise, kulo mzi uwunyulileyo, kule ndlu ndiyakhele igama lakho:
49 yiva ke emazulwini, endaweni ohlala kuyo, ukuthandaza kwabo nokutarhuzisa kwabo, ubagwebele,
50 ubaxolele abantu bakho ngoko kona, nokukreqa kwabo konke abakreqe ngako kuwe, ubenzele imfesane phambi kwababathimbileyo, basikwe bona yimfesane ngabo.