9 Bathi ke, Kungenxa yokuba bamshiyáyo uYehova uThixo wabo, owakhupha ooyise ezweni lamaYiputa; babambelela thixweni bambi, babanqula, babakhonza; kungenxa yoko abuzisileyo bonke obu bubi phezu kwabo uYehova.
10 Kwathi ekupheleni kweminyaka emashumi mabini, awazakha ngayo uSolomon izindlu zombini, indlu kaYehova nendlu kakumkani
11 (uHiram ukumkani waseTire ebemncedile uSolomon ngemisedare* nangemisipres,* nangegolide, ngangoko abekunqwenele), ukumkani uSolomon wamnika uHiram amashumi amabini emizi ezweni leGalili.
12 Waphuma uHiram eTire, eya kuyibona imizi uSolomon abemnike yona: àyalunga emehlweni akhe.
13 Wathi, Yimizi mini na le undinikileyo, mzalwana wam? Wathi, Lilizwe laseKabhuli* unanamhla.
14 UHiram wayethumele kukumkani ikhulu elinamanci mabini eetalente* zegolide.
15 Siso esi isizathu sokufakwa uviko awasimisayo ukumkani uSolomon, ukuba akhe indlu kaYehova, nendlu yakhe, neMilo, nodonga lweYerusalem, neHatsore, neMegido, neGezere.