17 Wathi uSawule ebantwini ababenaye, Khanibale, nibone ukuba ngubani na ongekhoyo kuthi. Babala; yini? akakho uYonatan nomphathi weentonga zakhe.
18 Wathi uSawule kuAhiya, Zisa apha ityeya kaThixo; ngokuba ityeya kaThixo ibinoonyana bakaSirayeli ngaloo mini.
19 Kwathi, esathetha uSawule kumbingeleli, ingxokozelo yempi yamaFilisti yaya ikhula. Wathi uSawule kumbingeleli, Sibuyise umva isandla sakho.
20 Bahlanganisana uSawule nabantu bonke ababenaye, baya kulwa; nalo ikrele lomntu limi kummelwane wakhe, isisaqunge esikhulu.
21 Ke kaloku athi namaHebhere abekumaFilisti njengaphambili, abenyuke ngeenxa zonke, eza nawo emkhosini, esuka aphamba nawo, angakumaSirayeli la abenoSawule noYonatan.
22 Kwanamadoda onke akwaSirayeli, abezimele kweleentaba lakwaEfrayim, eva ukuba amaFilisti asabile, áwalandela athana mbende nawo ekulweni.
23 UYehova wawasindisa ke amaSirayeli ngaloo mini. Ukulwa kwegqitha eBhetaven.