1 Usamuweli 16 XHO75

USamuweli uthambisa uDavide abe ngukumkani

1 Wathi uYehova kuSamuweli, Ùya kumlilela kude kube nini na uSawule, ndimcekisile nje ukuba angabi kumkani kumaSirayeli? Zalisa isigodlo sakho ngeoli, uhambe; ndiya kukuthumela kuYese waseBhetelehem; ngokuba ndizibonele ukumkani koonyana bakhe.

2 Wathi uSamuweli, Ndothini na ukuya? USawule uya kuva, andibulale. Wathi uYehova, Thabatha ithokazi lenkomo uye nalo, uthi, Ndizé kubingelela kuYehova.

3 Ummemele embingelelweni uYese; ndokwazisa mna into owoyenza, undithambisele endiya kuthetha kuwe ngaye.

4 Wakwenza uSamuweli akuthethileyo, waya eBhetelehem. Othuka ke amadoda amakhulu omzi, eza kumkhawulela, athi, Ùza uxolile na?

5 Wathi, Ndixolile; ndizé kubingelela kuYehova; zingcwaliseni, nize nam embingelelweni. Wamngcwalisa uYese noonyana bakhe, wabamemela embingelelweni.

6 Kwathi, ekuzeni kwabo, wabona uEliyabhi, wathi, Inene, uphambi koYehova umthanjiswa wakhe.

7 Wathi uYehova kuSamuweli, Musa ukukhangela imbonakalo yakhe, nokuphakama kwesithomo sakhe, ngokuba ndimcekisile. Andikhangeli njengokukhangela komntu; ngokuba umntu ukhangela umphandle, uYehova ukhangela intliziyo.

8 UYese wabiza uAbhinadabhi, wamgqithisa phambi koSamuweli. Wathi, Naló uYehova akamnyulanga.

9 UYese wagqithisa uShama. Wathi, Naló uYehova akamnyulanga.

10 UYese wagqithisa ke oonyana bakhe abasixhenxe phambi koSamuweli. Wathi uSamuweli kuYese, Aba uYehova akabanyulanga.

11 Wathi uSamuweli kuYese, Awonke na amakhwenkwe akho? Wathi, Kusasele encinane; nantso isalusa impahla emfutshane. Wathi uSamuweli kuYese, Thumela iye kubizwa; ngokuba asiyi kuhlala esidlweni, ide ifike apha.

12 Wathumela wayizisa. Yaye ingqombo, emahle amehlo ayo, intle nembonakalo yayo. Wathi uYehova, Suka ume, umthambise; ngokuba nguye lo.

13 USamuweli wathabatha isigodlo seoli, wamthambisa esesazulwini sabakhuluwa bakhe. UMoya kaYehova wamfikela ngamandla uDavide, ukususela kuloo mini. Wesuka ke uSamuweli, waya eRama.

UDavide ungumbethi wohadi nomphathi-zixhobo kaSawule

14 Ke uMoya kaYehova wemka kuSawule; wadandathekiswa ngumoya ombi ophuma kuYehova.

15 Bathi abakhonzi bakaSawule kuye, Yabona, udandathekiswa ngumoya ombi ophuma kuThixo.

16 Inkosi yethu mayithethe, abakhonzi bakho abaphambi kwakho baye kufuna indoda ekwaziyo ukubetha uhadi; kuthi, wakuba phezu kwakho umoya ombi ophuma kuThixo, ilubethe ngesandla sayo, kulunge kuwe.

17 Wathi uSawule kubakhonzi bakhe, Khanindikhangelele indoda ebetha kamnandi, niyizise kum.

18 Waphendula omnye umfana wathi, Yabona, ndibone unyana kaYese waseBhetelehem okwaziyo ukubetha; ligorha elinobukroti, indoda yokulwa, iciko lokuthetha, umfo omhle; uYehova unaye.

19 USawule wathuma abathunywa kuYese, wathi, Mthumele eze kum uDavide, unyana wakho, osempahleni emfutshane.

20 UYese wathabatha iesile, kubotshelelwe izonka kulo, nentsuba yewayini, netakane lalinye lebhokhwe, wathumela ngoDavide unyana wakhe kuSawule.

21 Weza uDavide kuSawule, wema phambi kwakhe; wamthanda kakhulu, waba ngumphathi weentonga zakhe.

22 Wathumela uSawule kuYese, esithi, Makeme phambi kwam uDavide; kuba úbabalwe ndim.

23 Kwathi, wakufika umoya ombi kaThixo kuSawule, uDavide wathabatha uhadi, wabetha ngesandla sakhe; kwee qabu kuSawule, kwalunga kuye, wemka kuye umoya ombi.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31