1 Usamuweli 29 XHO75

Ukugxothwa kukaDavide emkhosini wamaFilisti

1 Ayihlanganisa ke amaFilisti yonke imikhosi yawo eAfeki. AmaSirayeli amisa ngasemthonjeni oseYizereli.

2 Izikhulu zamaFilisti zadlula zinamakhulu, zinamawaka; uDavide namadoda akhe bedlula ngasemva noAkishe.

3 Bathi abathetheli bamaFilisti, Ayini na la maHebhere apha? Wathi uAkishe kubathetheli bamaFilisti, Lo asinguye na uDavide umkhonzi kaSawule, ukumkani wamaSirayeli, oseleneemini neminyaka enam? Andifumananga mposiso kuye, kuthabathela kumhla awaphamba ngawo, kwezisa kule mini.

4 Abathetheli bamaFilisti baba noburhalarhume ngakuye, bathi kuye abathetheli bamaFilisti, Yibuyise loo ndoda, ibuyele endaweni yayo, apho wayiyalela khona, ingehli nathi iye ekulweni, hleze isichase ekulweni. Angázikholisisa ngantoni na lo enkosini yakhe? Àkungeentloko zala madoda yini na?

5 Lo asinguye na uDavide, ababevuma ngaye ekungqungqeni, besithi,USawule ubulele amawaka akhe,UDavide ubulele amawaka akhe angamashumi?

6 UAkishe wambiza uDavide, wathi kuye, Ehleli nje uYehova, ùthe tye wena; kùhle emehlweni am ukuphuma kwakho nokungena kwakho nam emkhosini; ngokuba andifumananga bubi kuwe, kuthabathela kumhla wokuza kwakho kum, kuzise kule mini; ke emehlweni ezikhulu akumhle.

7 Ke ngoko buya, uhambe unoxolo, ungenzi bubi emehlweni ezikhulu zamaFilisti.

8 Wathi uDavide kuAkishe, Ndenzé ntoni na? Ùfumene ntoni na kumkhonzi wakho, kuthabathela kumhla wokubakho kwam phambi kwakho, kuzise kule mini, ukuba ndingayi nje, ndilwe neentshaba zenkosi yam ukumkani?

9 Waphendula uAkishe wathi kuDavide, Ndiyazi ukuba ùlungile emehlweni am njengesithunywa sikaThixo; kodwa abathetheli bamaFilisti bathe, Makangenyuki nathi, aye ekulweni.

10 Ngoko vuka kusasa ngomso, nabakhonzi benkosi yakho abazé nawe; nivuke kusasa ke ngomso, kwakusathi nwe, nihambe.

11 Bavuka ke kusasa uDavide, yena namadoda akhe, bahamba kwakusasa, babuyela ezweni lamaFilisti. AmaFilisti enyuka ke, aya eYizereli.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31