1 Wathi uSamuweli kuSawule, UYehova wandithuma ukuba ndikuthambise ube ngukumkani kubantu bakhe, kumaSirayeli. Wáphulaphule ke ngoko amazwi kaYehova.
2 Utsho uYehova wemikhosi, ukuthi, Ndikukhangéle konke awakwenzáyo ama-Amaleki kumaSirayeli, okokuba awathintelayo endleleni ekunyukeni kwawo eYiputa.
3 Yiya ngoko, uwaxabele ama-Amaleki, nikusingele phantsi konke anako, ningawacongi; uze ubulale, uthabathela kwindoda use kwinkazana, uthabathela kolunyulweyo use kowanyayo, uthabathela kwinkomo use kwimvu, uthabathela kwinkamela use kwiesile.
4 Wababiza ke abantu, wababala eTelayim; amabini amakhulu amawaka omqikela; alishumi lamawaka amadoda akwaYuda.