11 USawule wabinza ngentshuntshe, wathi, Ndiya kumqhama nodonga uDavide. UDavide waphepha izihlandlo zazibini phambi kwakhe.
12 USawule wamoyika uDavide, ngokuba uYehova ebenaye, emkile kuSawule.
13 USawule wamsusa kuye, wammisa wangumthetheli wakhe wewaka; waphuma engena phambi kwabantu.
14 UDavide wenza ngengqiqo ezindleleni zakhe zonke, uYehova waye enaye.
15 Wabona uSawule ukuba unengqiqo enkulu, wanxunguphala bubuso bakhe;
16 ke onke amaSirayeli namaYuda ebemthanda uDavide, ngokuba ebephuma engena phambi kwawo.
17 Wathi uSawule kuDavide, Nantso intombi yam enkulu, uMerabhi; ndiya kunika ibe ngumkakho; kodwa yiba ngumfo onobukroti kum, ulwe iimfazwe zikaYehova. USawule ebesithi, Makungafiki esam isandla kuye, makufike esamaFilisti isandla kuye.