1 Wathandaza uHana, wathi,Intliziyo yam idlamkile ngoYehova,Uphondo lwam luphakanyisiwe nguYehova.Uvulekile umlomo wam kakhulu ngazo iintshaba zam;Ngokuba ndivuyele usindiso lwakho.
2 Akukho uyingcwele njengo Yehova;Ngokuba akukho namnye ngaphandle kwakho;Akukho liwa linjengoThixo wethu.
3 Musani ukukwandisa ukuthetha izinto eziphakamileyo, izinto eziphakamileyo,Kungaphumi ntetho yakuhlakanipha emlonyeni wenu;Ngokuba uYehova nguThixo owazi konke,Yena nguMlinganisi wezenzo eziyincamisa.
4 Izaphetha zamagorha zaphukile,Abakhubeki babhinqiswe amandla.