26 Wahamba uSawule ngeli cala lentaba; wahamba uDavide namadoda akhe ngelaa cala lentaba. UDavide wemka buphuthuphuthu, ngokoyika uSawule; ke uSawule namadoda akhe babemrhawula uDavide namadoda akhe, ukuba bababambe.
27 Ke kaloku kwafika umthunywa kuSawule, esithi, Khawuleza uze, ngokuba amaFilisti alingenele ilizwe.
28 Wabuya ke uSawule ekumsukeleni uDavide, waya kuwahlangabeza amaFilisti. Ngenxa yoko kwathiwa loo ndawo yiSelahamalekoti.*
29 Wenyuka apho uDavide, wahlala ezimboniselweni zase-Engedi.