15 UYehova makabe ngumgwebi, agwebe phakathi kwam nawe, abone, abambane ngobambano lwam, andigwebele, ndisinde esandleni sakho.
16 Kwathi, akugqiba uDavide ukuwathetha la mazwi kuSawule, wathi uSawule, Lilizwi lakho na elo, nyana wam Davide? USawule waliphakamisa izwi lakhe, walila.
17 Wathi kuDavide, Ilungisa nguwe kunam; ngokuba undenzé okulungileyo wena, ndakwenza okubi mna.
18 Wena uxelile namhla ukuba undenzé okulungileyo; kuba uYehova ebendinikele esandleni sakho, akwandibulala.
19 Xa umntu alufumanayo utshaba lwakhe, wólundulula ngendlela elungileyo yini na? UYehova makabuyekeze kuwe okulungileyo ngenxa yoko undenze ngako namhla.
20 Kaloku yabona, ndiyazi ukuba uya kuba ngukumkani okunene, bume esandleni sakho ubukumkani bakwaSirayeli.
21 Ndífungele uYehova ngoko, ukuba akuyi kuyinqamla imbewu yam emveni kwam, nokuba akuyi kulitshabalalisa igama lam endlwini kabawo.