3 Igama laloo ndoda lalinguNabhali, igama lomkayo linguAbhigali. Umfazi lowo wayenengqondo entle, eyinzwakazi; ke indoda leyo yayiyingcuka, zímbi iintlondi zayo, ingumKalebhi.
4 Weva uDavide entlango ukuba uNabhali ucheba iigusha zakhe.
5 UDavide wesusa ishumi lamadodana; wathi uDavide kumadodana lawo, Nyukani eKarmele niye kuNabhali, nibuze ukuphila kwakhe egameni lam;
6 nitsho ukuthi, Hlala kakuhle uphile wena, iphile nendlu yakho, kuphile konke onakho.
7 Ndivile kaloku ukuba unabachebi. Ke kaloku abalusi bakho babenathi; asibenzanga nto, abalahlekelwanga nto yonke imihla ababeseKarmele.
8 Buza kumadodana akho, okuxelela. Makababalwe nguwe la madodana akowethu, ngokuba sifike ngemini elungileyo. Khawubanike abakhonzi bakho, nonyana wakho uDavide, into esithe sayifumana isandla sakho.
9 Aya ke amadodana kaDavide, athetha kuNabhali ngokwaloo mazwi onke egameni likaDavide, ahlala phantsi.