18 USamuweli wamxelela amazwi onke, akamfihlela nto. Wathi ke yena, NguYehova; makenze oko kulungileyo emehlweni akhe.
19 Wakhula uSamuweli; uYehova waba naye, akwawa phantsi nalinye ilizwi emazwini akhe onke emhlabeni.
20 Onke amaSirayeli, ethabathele kwaDan esa eBher-shebha, azi ukuba uSamuweli ngumprofeti othembekileyo kaYehova.
21 Waqokela uYehova wabonakala eShilo; ngokuba uYehova wazityhila kuSamuweli eShilo ngelizwi likaYehova.