8 Wabuza uDavide kuYehova, esithi, Ndíwasukele na la matutu? Ndowafumana na? Wathi kuye, Sukela; ngokuba ùya kuwafumana okunene; uya kuhlangula konke.
9 Wahamba ke uDavide, yena namadoda angamakhulu amathandathu anawo. Bafika emlanjaneni oyiBhesore, amanye asala khona.
10 Wasukela uDavide, yena namakhulu amané amadoda; asala ke amakhulu amabini amadoda aphelelweyo, angenakuwela emlanjaneni oyiBhesore.
11 Ke kaloku bafumana indoda engumYiputa isendle. Bayizisa kuDavide, bayinika isonka; yadla; bayiseza amanzi;
12 bayinika ke icandelo lesicumba samakhiwane namacandelo amabini esicumba seerasintyisi, yadla. Wabuyela kuyo umoya wayo; kuba ibingadlanga kudla, ingaselanga manzi, iimini ezintathu nobusuku obuthathu.
13 Wathi uDavide kuyo, Ungumni na? Uvela phi na? Yathi, Ndingumfana ongumYiputa, isicaka sendoda engumAmaleki; indishiyile inkosi yam; kuba ndintsuku ntathu namhla ndisifa.
14 Sìbe sithe sangenela elasezantsi lamaKreti nelakwaYuda, nelasezantsi lakwaKalebhi, sayitshisa iTsikelage ngomlilo.