1 AmaFilisti ayithabatha ityeya kaThixo, esuka nayo e-Ebhenezere, aya nayo eAshdode.
2 Ayithabatha amaFilisti ityeya kaThixo, aya nayo endlwini kaDagon, ayimisa ecaleni koDagon.
3 Bavuka kusasa ngengomso abaseAshdode, nanko uDagon ewile ngobuso emhlabeni phambi kwetyeya kaYehova. Bamthabatha uDagon, babuya bammisa endaweni yakhe.
4 Bavuka kusasa ngengomso, nanko uDagon ewile ngobuso emhlabeni phambi kwetyeya kaYehova, intloko kaDagon nezandla zakhe zozibini zinqumkile, zisembundwini womnyango, kusele isikhondo sodwa.
5 Ngenxa yoko ababingeleli bakaDagon, nabo bonke abangenayo endlwini kaDagon, àbanyatheli embundwini womnyango wendlu kaDagon eAshdode unanamhla.