1 AmaFilisti ayithabatha ityeya kaThixo, esuka nayo e-Ebhenezere, aya nayo eAshdode.
2 Ayithabatha amaFilisti ityeya kaThixo, aya nayo endlwini kaDagon, ayimisa ecaleni koDagon.
3 Bavuka kusasa ngengomso abaseAshdode, nanko uDagon ewile ngobuso emhlabeni phambi kwetyeya kaYehova. Bamthabatha uDagon, babuya bammisa endaweni yakhe.
4 Bavuka kusasa ngengomso, nanko uDagon ewile ngobuso emhlabeni phambi kwetyeya kaYehova, intloko kaDagon nezandla zakhe zozibini zinqumkile, zisembundwini womnyango, kusele isikhondo sodwa.
5 Ngenxa yoko ababingeleli bakaDagon, nabo bonke abangenayo endlwini kaDagon, àbanyatheli embundwini womnyango wendlu kaDagon eAshdode unanamhla.
6 Saba nzima isandla sikaYehova phezu kwabaseAshdode, sabaphanzisa, sababetha ngamathumba, iAshdode ke nemida yayo.
7 Akubona amadoda aseAshdode ukuba kunjalo, athi, Ityeya yoThixo kaSirayeli mayingahlali kuthi; ngokuba isandla sakhe sinzima phezu kwethu, naphezu koDagon uthixo wethu.