3 Bavuka kusasa ngengomso abaseAshdode, nanko uDagon ewile ngobuso emhlabeni phambi kwetyeya kaYehova. Bamthabatha uDagon, babuya bammisa endaweni yakhe.
4 Bavuka kusasa ngengomso, nanko uDagon ewile ngobuso emhlabeni phambi kwetyeya kaYehova, intloko kaDagon nezandla zakhe zozibini zinqumkile, zisembundwini womnyango, kusele isikhondo sodwa.
5 Ngenxa yoko ababingeleli bakaDagon, nabo bonke abangenayo endlwini kaDagon, àbanyatheli embundwini womnyango wendlu kaDagon eAshdode unanamhla.
6 Saba nzima isandla sikaYehova phezu kwabaseAshdode, sabaphanzisa, sababetha ngamathumba, iAshdode ke nemida yayo.
7 Akubona amadoda aseAshdode ukuba kunjalo, athi, Ityeya yoThixo kaSirayeli mayingahlali kuthi; ngokuba isandla sakhe sinzima phezu kwethu, naphezu koDagon uthixo wethu.
8 Athumela ahlanganisela kuwo zonke izikhulu zamaFilisti, athi, Síyithini na ityeya yoThixo kaSirayeli? Zathi, Mayijike iye eGati. Ayijika ke ityeya yoThixo kaSirayeli.
9 Kwathi emveni kokujikwa kwayo, isandla sikaYehova saba phezu kwaloo mzi, sasisaqunge esikhulu kunene; wababulala abantu baloo mzi, kwathabathela kwabancinane kwesa kwabakhulu, bathi gqobhogqobho amathumba.