3 Bathi, Ukuba iyagoduswa ityeya yoThixo kaSirayeli, musani ukuyigodusa ilambatha; ukuyibuyisela kuye, noyibuyisela inedini letyala. Niya kuphiliswa; kuya kwandula ukwazeka kuni, ukuba bekungàni na ukuba isandla sakhe singesuki kuni.
4 Athi, Linyintoni na idini letyala esolibuyisela kuye? Bathi, Lingamathumba egolide amahlanu, neempuku zegolide ezintlanu, ngokwenani lezikhulu zamaFilisti; ngokuba sinye isibetho kuni nonke, nakwizikhulu zenu.
5 Ize niyenze imifanekiso yamathumba enu, nemifanekiso yeempuku zenu ezilonakalisayo ilizwe, nimzukise uThixo kaSirayeli; mhlawumbi wosenza lula isandla sakhe kuni, nakoothixo benu, nakwilizwe lenu.
6 Yini na ukuba niziqaqadekise iintliziyo zenu, njengokuba aziqaqadekisáyo iintliziyo zawo amaYiputa noFaro? Àkuthanga na, ákuzenza izenzo ezincamisayo kuwo, amaYiputa awandulula amaSirayeli, emka ke?
7 Thabathani ngoko, nenze inqwelo entsha, nithabathe iimazi ezimbini ezintsha ezanyisayo, ezingazanga zibekwe dyokhwe, nizibophe enqwelweni, niwanqande amathole azo kuzo, aye ekhaya.
8 Noyithabatha ke ityeya kaYehova, niyibeke enqwelweni; neempahla zegolide enizibuyisela kuye, ezilidini letyala, nizibeke etyeyeni ecaleni layo, niyindulule ihambe.
9 Nize nikhangele: ukuba ithe yenyuka ngendlela yomda wayo, yaya eBhete-shemeshe, woba nguye osenzele obu bubi bukhulu; ke ukuba kuthe akwabo njalo, sòthi sazi ukuba àsibethwe sisandla sakhe, sihlelwe sisihlo.