1-2 URehabheham waya kwaShekem; ngokuba amaSirayeli onke abeye kumenza ukumkani kwaShekem.Kwathi, akuva uYarobheham unyana kaNebhati (eseYiputa, apho wayebalekele khona ebusweni bukaSolomon ukumkani; ehleli uYarobheham eYiputa, bathumela bambiza),
3 weza uYarobheham namaSirayeli onke, bathetha noRehabheham, besithi,
4 Uyihlo wayenza nzima idyokhwe yethu; ke wena yénze lula inkonzo elukhuni kayihlo, nedyokhwe yakhe enzima awayibeka phezu kwethu, sikukhonze.
5 Wathi kubo, Khanindikhwelele iintsuku zibe ntathu, nibuye nize kum. Bemka ke abantu.
6 Ukumkani uRehabheham wacebisana namadoda amakhulu, abesakuma phambi koSolomon uyise oko ebesahleli, wathi, Ninika cebo lini na, ukuba ndibanike ilizwi aba bantu?
7 Athetha ke kuye esithi, Ukuba uthe wanobubele kwaba bantu, wabakholisa, wathetha amazwi amahle kubo, bokukhonza yonke imihla.
8 Walishiya icebo lamadoda amakhulu abemnike lona, wacebisana namadodana aziintanga zakhe, abemi phambi kwakhe.