2 Izikronike 22 XHO75

Ulawulo luka-Ahaziya nokuhluthwa kobukumkani nguAtaliya

1 Abemi baseYerusalem bamenza uAhaziya, unyana wakhe omncinane, ukumkani esikhundleni sakhe; ngokuba bonke abakhulu babebulewe ngamatutu aweza nama-Arabhi emkhosini. Waba ngukumkani ke uAhaziya, unyana kaYehoram, ukumkani wamaYuda.

2 UAhaziya ubeminyaka imashumi mané anamibini ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba namnyaka mnye engukumkani eYerusalem. Igama lonina lalinguAtaliya, intombi kaOmri.

3 Kananjalo yena wahamba ngeendlela zendlu ka-Ahabhi; ngokuba unina ubengumcebisi wakhe, ukuba enze okungendawo.

4 Wenza ububi emehlweni kaYehova, njengendlu ka-Ahabhi; ngokuba babengabacebisi bakhe bona emva kokufa kukayise, bemonakalisa.

5 Kananjalo wahamba ngecebo labo. Wahamba noYehoram unyana ka-Ahabhi, ukumkani wakwaSirayeli, waya kulwa noAzayeli ukumkani wama-Aram,* eRamoti yaseGiliyadi; ama-Aram, amngxwelerha uYehoram.

6 Wabuya, eza kunyangwa eYizereli loo manxeba wawafumana eRama, ekulweni kwakhe noAzayeli ukumkani wama-Aram. Wehla uAzariya unyana kaYehoram, ukumkani wakwaYuda, waya kubona uYehoram unyana ka-Ahabhi eYizereli, ngokuba ebesifa.

7 Kwaphuma kuThixo ukutyunyuzwa kuka-Ahaziya, ngokuthi eze kuYehoram. Ekufikeni kwakhe waphuma noYehoram; baya kuYehu unyana kaNimshi, awamthambisayo uYehova ukuba ayinqamle indlu ka-Ahabhi.

8 Kwathi, ekugwetyweni kwendlu ka-Ahabhi nguYehu, wafumana abathetheli bakwaYuda, noonyana babazalwana baka-Ahaziya, ababelungiselela kuAhaziya, wababulala.

9 Wafunwa uAhaziya; bambamba ezimele kwaSamari, bamsa kuYehu, bambulala; bamngcwaba, ngokuba babesithi, Ngunyana kaYehoshafati, obemquqela uYehova ngentliziyo yakhe yonke.Indlu ka-Ahaziya yayingenabani unokuphatha ubukumkani.

10 Wathi ke uAtaliya, unina ka-Ahaziya, akubona ukuba ufile unyana wakhe, wesuka wayitshabalalisa ngobubhedengu yonke imbewu enobukhosi bendlu yakwaYuda.

11 UYehoshabhati, intombi yokumkani, wamthabatha uYowashe, unyana ka-Ahaziya, wamba phakathi koonyana bokumkani ababulawáyo, wambeka yena nomondli wakhe egumbini lokulala. UYehoshabhati, intombi yokumkani uYehoram, umkaYehoyada umbingeleli (ngokuba ubengudade boAhaziya), wamfihla kuAtaliya, ukuze angábulawa.

12 Wayenabo endlwini kaThixo, ezinyeziwe, iminyaka emithandathu.Ke uAtaliya waba ngukumkanikazi welizwe elo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36