2 Izikronike 13 XHO75

Ulawulo luka-Abhiya

1 Ngomnyaka weshumi elinesibhozo wokumkani uYarobheham, uAbhiya waba ngukumkani kwaYuda.

2 Waba neminyaka emithathu engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguMikaya, intombi kaUriyeli waseGibheha.Kwabakho imfazwe phakathi koAbhiya noYarobheham.

3 UAbhiya wayiqala imfazwe ngempi yamagorha okulwa, engamakhulu amané amawaka ahleliweyo; uYarobheham naye wazakha izintlu zakhe zokulwa naye, zingamakhulu asibhozo amawaka ahleliweyo, angamagorha anobukroti.

4 Wesuka wema uAbhiya entabeni yeTsemarim, ekweleentaba lakwaEfrayim, wathi, Ndiphulaphuleni, wena Yarobheham, nani maSirayeli nonke;

5 aninakwazi na ukuba uYehova, uThixo kaSirayeli, ubukumkani kumaSirayeli wabunika uDavide ngonaphakade, yena noonyana bakhe, ngomnqophiso wetyuwa?

6 Wesuka uYarobheham unyana kaNebhati, umkhonzi kaSolomon unyana kaDavide, wagwilika kwinkosi yakhe;

7 wabuthela kuye amadoda angenabuntu, angamatshijolo, aziqinisa, amchasa uRehabheham unyana kaSolomon; uRehabheham engumfana ontliziyo ithambileyo, engomelele phambi kwabo.

8 Ngoku ke nithi niya komelela phambi kobukumkani bukaYehova, obusesandleni soonyana bakaDavide; niyingxokolo eninzi nje, ninamathole egolide, awanenzelayo uYarobheham ukuba abe ngoothixo.

9 Anibagxothanga yini na ababingeleli bakaYehova, oonyana baka-Aron, nabaLevi; nazenzela ababingeleli njengezizwe zamanye amazwe? bada bonke abo baza kuzimisela ngenkunzi elithole lenkomo, neenkunzi zeegusha ezisixhenxe, benziwa ababingeleli kwabangethixo.

10 Ke thina, nguYehova uThixo wethu: asimshiyanga; ababingeleli abalungiselela kuYehova ngoonyana baka-Aron;

11 nabaLevi basemsebenzini wabo, beqhumisela kuYehova ngamadini anyukayo imisó ngemisó, ukuhlwa ngokuhlwa, nangesiqhumiso esimnandi; nokucwangcisa izonka etafileni ehlambululekileyo; nesiphatho segolide, nezibane sazo zilunyekwa ukuhlwa ngokuhlwa; ngokuba thina siyasigcina isigxina sikaYehova uThixo wethu; ke nina nimshiyile.

12 Niyabona, unathi eyintloko uThixo, nababingeleli bakhe banathi, namaxilongo okuduma, ukuba anivuse. Nyana bakaSirayeli, musani ukulwa noYehova uThixo wooyihlo; ngokuba aniyi kuba nampumelelo.

13 Ke uYarobheham wazungulezisa abalaleli, ukuba baye ngasemva kwawo; baba ngaphambi kwamaYuda bona; abalaleli baba ngasemva kwawo.

14 Abheka amaYuda, ayibona impi ingaphambili nangasemva kwawo. Akhala kuYehova, ababingeleli bevuthela amaxilongo; aduma onke amadoda akwa Yuda.

15 Kwathi ekudumeni kwamadoda akwaYuda, wesuka uThixo wabetha kuYarobheham namaSirayeli onke phambi koAbhiya namaYuda.

16 Basaba oonyana bakaSirayeli ebusweni bamaYuda; uThixo wabanikela esandleni sawo.

17 UAbhiya nabantu bakhe bababulala kakhulu; kwawa ababuleweyo kwaSirayeli amakhulu amahlanu amawaka amadoda ahleliweyo.

18 Bathotywa ke oonyana bakaSirayeli ngelo xesha, bakhalipha oonyana bakaYuda; ngokuba bayama ngoYehova uThixo wooyise.

19 UAbhiya wamsukela uYarobheham, wathimba kuye le mizi: iBheteli namagxamesi ayo, neYeshana namagxamesi ayo, ne-Efron namagxamesi ayo.

20 Akaba saba namandla uYarobheham ngemihla ka-Abhiya. UYehova wambetha wafa.

21 Waya esomelela ngokomelela uAbhiya, wazeka abafazi abalishumi elinabané, wazala oonyana abamashumi mabini anababini, neentombi ezilishumi elinantandathu.

22 Ezinye izinto zika-Abhiya, neendlela zakhe, namazwi akhe, abhalwe ezincwadini zamabali omprofeti uIdo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36