3 weza uYarobheham namaSirayeli onke, bathetha noRehabheham, besithi,
4 Uyihlo wayenza nzima idyokhwe yethu; ke wena yénze lula inkonzo elukhuni kayihlo, nedyokhwe yakhe enzima awayibeka phezu kwethu, sikukhonze.
5 Wathi kubo, Khanindikhwelele iintsuku zibe ntathu, nibuye nize kum. Bemka ke abantu.
6 Ukumkani uRehabheham wacebisana namadoda amakhulu, abesakuma phambi koSolomon uyise oko ebesahleli, wathi, Ninika cebo lini na, ukuba ndibanike ilizwi aba bantu?
7 Athetha ke kuye esithi, Ukuba uthe wanobubele kwaba bantu, wabakholisa, wathetha amazwi amahle kubo, bokukhonza yonke imihla.
8 Walishiya icebo lamadoda amakhulu abemnike lona, wacebisana namadodana aziintanga zakhe, abemi phambi kwakhe.
9 Wathi kuwo, Ninika cebo lini na nina, ukuba sibanike ilizwi aba bantu bathethileyo kum, besithi. Yénze lula idyokhwe awayibeka phezu kwethu uyihlo?