10 neTsora, neAyalon, nowaseHebron, ekwaYuda nekwaBhenjamin, imizi enqatyisiweyo.
11 Waziqinisa iinqaba, wabeka iingànga zamadoda kuzo, noovimba bokudla neoli newayini.
12 Nakwimizi ngemizi yonke wabeka amakhaka, nezikhali; wayiqinisa kakhulu kunene. Aba kuye amaYuda namaBhenjamin.
13 Ababingeleli nabaLevi ababekwelakwaSirayeli lonke bathelela kuye, bevela emideni yabo yonke.
14 Ngokuba abaLevi bawashiya amadlelo abo, nemfuyo yabo, beza kwaYuda naseYerusalem; ngokuba uYarobheham noonyana bakhe babebakhuphile, ukuba bangabi ngababingeleli kuYehova;
15 wazimisela ababingeleli bezigánga, nabamaxhonti, nabamathole awawenzáyo.
16 Emva kwabo ke, ezizweni zonke zakwaSirayeli, bathi abazinikeláyo iintliziyo zabo ukumquqela uYehova uThixo kaSirayeli, beza kubingelela eYerusalem kuYehova, uThixo wooyise.