6 Wákha iBhetelehem, ne-Etam, neTekowa,
7 neBhete-tsure, neSoko, neAdulam,
8 neGati, neMaresha, neZifi,
9 neAdorayim, neLakishe, neAseka,
10 neTsora, neAyalon, nowaseHebron, ekwaYuda nekwaBhenjamin, imizi enqatyisiweyo.
11 Waziqinisa iinqaba, wabeka iingànga zamadoda kuzo, noovimba bokudla neoli newayini.
12 Nakwimizi ngemizi yonke wabeka amakhaka, nezikhali; wayiqinisa kakhulu kunene. Aba kuye amaYuda namaBhenjamin.