8 Noko boba ngabakhonzi kuye, ukuze bayazi inkonzo yam, nenkonzo yezikumkani zamazwe.
9 Wenyuka ke ukumkani waseYiputa, wafika walwa neYerusalem, wabuthabatha ubuncwane bendlu kaYehova, nobuncwane bendlu yokumkani; wabuthabatha bonke; wazithabatha iingweletshetshe zegolide awazenzayo uSolomon.
10 Ukumkani uRehabheham wenza iingweletshetshe zobhedu esikhundleni sazo, waziphathisa abathetheli bezigidimi, ezibe zigcina umnyango wendlu yokumkani.
11 Ubesakuthi akungena ukumkani endlwini kaYehova, zize izigidimi ezo ziziphéthe, zize zizibuyisele egumbini lezigidimi.
12 Wathi akuzithoba, umsindo kaYehova wabuya kuye, ukuba angàmtshabalalisi kuthi tu; kananjalo kwaYuda kwakukho izinto ezilungileyo.
13 Waziqinisa ukumkani uRehabheham eYerusalem, waba ngukumkani; ngokuba uRehabheham ebeminyaka imashumi mané anamnye ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka elishumi elinesixhenxe engukumkani eYerusalem, umzi lowo wawunyulayo uYehova kwizizwe zonke zakwaSirayeli, ukuba alimise khona igama lakhe. Igama lonina belinguNahama, umAmonikazi.
14 Wenza okubi, ngokuba ebengayibhekiselelanga intliziyo yakhe ukumquqela uYehova.