3 Kukho umnqophiso phakathi kwam nawe, phakathi kobawo noyihlo; nanko ndikuthumele isilivere negolide; yiya uwaphule umnqophiso wakho noBhahesha ukumkani wamaSirayeli, ukuba emke kum.
4 UBhen-hadade wamphulaphula ukumkani uAsa, wathumela abathetheli bempi abenabo emizini yakwaSirayeli, wayithimba i-Iyon, nowakwaDan, neAbhele-mayim, nemizi yonke engoovimba yakwaNafetali.
5 Kwathi, akuva uBhahesha, wayeka ukuyakha iRama, wawuyeka umsebenzi wakhe.
6 UAsa ukumkani wawathabatha onke amaYuda; awasusa amatye eRama, nemithi yayo, awayesakha ngayo uBhahesha; wákha ke ngayo iGebha neMizpa.
7 Ngelo xesha uHanani, imboni, weza kuAsa, ukumkani wamaYuda, wathi kuye, Ekubeni wayama kukumkani wama-Aram, akwayama kuYehova uThixo wakho, ngoko ke iphulukile esandleni sakho impi yokumkani wama-Aram.
8 AmaKushi namaLubhi abengeyeyona impi ininzi, enento eninzi kunene yeenqwelo zokulwa nabamahashe? Ukanti ngokuba wayama kuYehova, anikelwa esandleni sakho.
9 Ngokuba uYehova, amehlo akhe asingasinga ehlabathini lonke, ukuba azomelezele abantliziyo ziphelele kuye. Wenza ubudenge ngale nto; ngokuba kususela ngoku wòba neemfazwe.