14 Wafika kukumkani; wathi ukumkani kuye, Mikaya, siye na eRamoti yaseGiliyadi ukuba silwe, ndiyeke, kusini na? Wathi, Nyuka ube nempumelelo; baya kunikelwa esandleni senu.
15 Wathi ukumkani kuye, Makube zizihlandlo ezingaphi na ndikufungisa, ukuba ungàthethi nto kum, ingeyiyo nyaniso egameni likaYehova?
16 Wathi yena, Ndiboné amaSirayeli onke elusali ezintabeni, njengempahla emfutshane engenamalusi. Wathi uYehova, Àbanankosi, mababuyele elowo endlwini yakhe enoxolo.
17 Wathi ukumkani wakwaSirayeli kuYehoshafati, Bendingatshongo na kuwe ukuthi, akayi kuprofeta okuhle ngam, koba kokubi?
18 Wathi yena, Ngako oko, liveni ilizwi likaYehova: Ndimbonile uYehova ehleli etroneni yakhe, umi wonke umkhosi wasemazulwini ngasekunene kwakhe nangasekhohlo kwakhe.
19 Wathi uYehova, Ngubani na oya kulukuhla uAhabhi, ukumkani wamaSirayeli, enyuke aye awe eRamoti yaseGiliyadi? Wejenje lo ukuthetha, wenjenje lo ukuthetha.
20 Waphuma ke umoya, wema phambi koYehova, wathi, Ndomlukuhla mna.