1 Wabuya uYehoshafati ukumkani wakwaYuda, waya endlwini yakhe eYerusalem enoxolo.
2 Waphuma uYehu, unyana kaHanani, imboni, esiya kumkhawulela. Wathi kukumkani uYehoshafati, Kukuthini na ukuba uncede ongendawo, ubathande abathiyi bakaYehova? Kungoko bugalelekileyo kuwe uburhalarhume obuphuma kuYehova.
3 Noko kambe kukho izinto ezintle ezifumanekileyo kuwe; ngokuba ubatshisile ooAshera* ezweni, wayisingisela intliziyo yakho ekumquqeleni uThixo.
4 Wahlala uYehoshafati eYerusalem; wabuya waphuma, wahamba phakathi kwabantu, wathabathela eBher-shebha wesa ezintabeni zakwaEfrayim, wababuyisela kuYehova, uThixo wooyise.
5 Wamisa abagwebi ezweni, emizini yonke yakwaYuda enqatyisiweyo, kwimizi ngemizi.
6 Wathi kubagwebi, Kulumkeleni enikwenzayo; ngokuba àkungenxa yomntu ukugweba kwenu, kungenxa kaYehova; unáni ke emcimbini wokugweba.
7 Ngoko ke ukoyikwa kukaYehova makube phezu kwenu; yenzani ngobulumko; ngokuba akukho bugqwetha kuYehova uThixo wethu, nakukhetha buso, nakwamkela sicengo.