4 Akuphakama uYehoram ebukumkanini bukayise, wazomeleza, wababulala bonke abaninawa bakhe ngekrele, nenxenye yeenkosana zakwaSirayeli.
5 Ubeminyaka imashumi mathathu anamibini ezelwe uYehoram, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka esibhozo engukumkani eYerusalem.
6 Wahamba ngendlela yookumkani bakwaSirayeli, njengoko yenza ngako indlu ka-Ahabhi; ngokuba wayezeké intombi ka-Ahabhi; wenza ububi emehlweni kaYehova.
7 Ke akavumanga uYehova ukuyonakalisa indlu kaDavide, ngenxa yomnqophiso awawenzela uDavide, njengoko wathethayo, ukuba uya kumnika isibane, kwanoonyana bakhe, yonke imihla.
8 Ngemihla yakhe amaEdom akreqa esandleni sakwaYuda, azenzela ukumkani.
9 Wagqitha uYehoram, enabathetheli bakhe, eneenqwelo zakhe zonke zokulwa; wavuka ebusuku, wawabulala amaEdom abemrhawule ngeenxa zonke, nabathetheli beenqwelo zokulwa.
10 Akreqa ke amaEdom, aphuma phantsi kwesandla samaYuda, unanamhla. Yaza yakreqa iLibhena esandleni sakhe kwangelo xesha; ngokuba ebemshiyile uYehova, uThixo wooyise.