15 Ke uYehoyada wayeseleyingwevu, ehambisekile ebudaleni, ukufa kwakhe. Ebeminyaka ilikhulu linamanci mathathu ezelwe, ukufa kwakhe.
16 Bamngcwabela emzini kaDavide kookumkani; ngokuba wenza okulungileyo kwaSirayeli, nakuThixo, nakwindlu yakhe.
17 Emva kokufa kukaYehoyada, beza abathetheli bakwaYuda, baqubuda kukumkani. Waza wabaphulaphula ukumkani.
18 Bayishiya indlu kaYehova, uThixo wooyise, bakhonza ooAshera* nezithixo. Afikelwa buburhalarhume amaYuda neYerusalem ngenxa yelo tyala lawo.
19 Wathuma abaprofeti kubo bokubabuyisela kuYehova, baqononondisa; ke bona àbaphulaphula noko.
20 UMoya kaThixo wamthi gqubuthu uZekariya, unyana kaYehoyada umbingeleli, wema phezu kwabantu, wathi kubo, Utsho uThixo ukuthi, Yini na ukuba niyigqithe imithetho kaYehova, nize ningabi nampumelelo? Ngokuba nimshiyile uYehova, wonishiya nani.
21 Bamceba bamxuluba ngamatye, ngokomthetho wokumkani entendelezweni yendlu kaYehova.