4 Kwathi emveni koko kwaba sentliziyweni kaYowashe, ukuba ayihlaziye indlu kaYehova.
5 Wabahlanganisa ababingeleli nabaLevi, wathi kubo, Phumani niye emizini yakwaYuda, nibuthe imali kumaSirayeli onke, yokuyihlaziya indlu kaThixo wenu iminyaka ngeminyaka; yikhawuleziseni loo nto. Ke abaLevi abayikhawulezisanga.
6 Ukumkani wambiza uYehoyada umbingeleli omkhulu, wathi kuye, Yini na ukuba ungabaveleli abaLevi, bayizise irhafu kumaYuda naseYerusalem, ngokomyalelo kaMoses, umkhonzi kaYehova, nowebandla lamaSirayeli, ngenxa yentente yesingqiniso?
7 (Ngokuba uAtaliya, laa mfazi ungendawo, noonyana bakhe, babeyigqobhozile indlu kaThixo; kananjalo zonke izinto ezingcwele zendlu kaYehova babezenze ezooBhahali.*)
8 Wathi ukumkani, mabenze umkhombe, bawubeke esangweni lendlu kaYehova ngaphandle.
9 Bathumela ilizwi kwaYuda naseYerusalem, ukuba kuziswe kuYehova irhafu eyamiswa nguMoses umkhonzi kaThixo, phezu kwamaSirayeli entlango.
10 Bavuya bonke abathetheli, nabantu bonke; bayizisa, bayiphosa emkhombeni wada wazala.