1 Bonke abantu bakwaYuda bamthabatha u-Uziya, akubon' ukuba uminyaka ilishumi linamithandathu ezelwe, bamenza ukumkani esikhundleni sika-Amatsiya uyise.
2 Yakhiwa nguye iEloti, wayibuyisela kumaYuda, emva kokulala kokumkani kooyise.
3 U-Uziya ubeminyaka ilishumi elinamithandathu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka emashumi mahlanu anamibini engukumkani eYerusalem. Igama lonina libe linguYekoliya waseYerusalem.
4 Wenza okuthe tye emehlweni kaYehova, njengako konke awakwenzayo uAmatsiya uyise.