1 UYotam ubeminyaka imashumi mabini anamihlanu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka elishumi elinamithandathu engukumkani eYerusalem. Igama lonina lalinguYerusha intombi kaTsadoki.
2 Wenza okuthe tye emehlweni kaYehova, njengako konke awakwenzayo u-Uziya uyise; kodwa akangenanga etempileni kaYehova; ke abantu bona babesabenza ububi.
3 Yena walakha isango eliphezulu lendlu kaYehova; wákha kakhulu naseludongeni lwaseOfele.
4 Wákha imizi kweleentaba lakwaYuda, nasemahlathini wákha iinqaba neemboniselo.