20 UTilegati-pilenezere, ukumkani waseAsiriya, wamfikela, wambandezela, akamomeleza;
21 ngokuba uAhazi wayeyiphangile indlu kaYehova, nendlu yokumkani, nabathetheli, wanika ukumkani waseAsiriya; akwamnceda nto noko.
22 Ngexesha lokubandezelwa kwakhe waphinda wenza ubumenemene kuYehova, yena ukumkani uAhazi.
23 Wabingelela kwizithixo zaseDamasko ezazimeyisile, wathi, Izithixo zookumkani bama-Aram ezawancedayo, ndobingelela kuzo; zondinceda nam. Ke zona zaba sisikhubekiso kuye nakumaSirayeli onke.
24 UAhazi wazihlanganisa iimpahla zendlu kaThixo, wazinqunqa iimpahla zendlu kaThixo, wazivala iingcango zendlu kaYehova. Wazenzela izibingelelo ezimbombeni zonke zaseYerusalem,
25 wenza izigánga emizini yonke ngaminye yakwaYuda, zokuqhumisela thixweni bambi; wamqumbisa uYehova uThixo wooyise.
26 Ezinye izinto zakhe, neendlela zakhe zonke ezokuqala nezokugqibela, nanzo zibhaliwe encwadini yookumkani bakwaYuda nabakwaSirayeli.