3 Siso esi isiseko awasibekayo uSolomon ekuyakheni kwakhe indlu kaThixo; ubude iikubhite* ngokomlinganiso omdala bebuziikubhite ezimashumi mathandathu; ububanzi bebuziikubhite ezimashumi mabini.
4 Ivaranda,* ebingaphambi kobude bendlu, ibiziikubhite ezimashumi mabini, ingangobubanzi bendlu, nokuphakama kwayo kwakuziikubhite ezilikhulu elinamanci mabini; wayaléka ngaphakathi ngegolide ecocekileyo.
5 Indlu enkulu wayaléka ngemisipres,* wayaléka ke yona ngegolide entle, wenza kuyo amasundu nezidanga.
6 Wayivathisa indlu ngamatye anqabileyo ukuyihombisa; igolide leyo ibiyigolide yaseParvayim.
7 Wayaléka indlu, imiqadi, nemigubasi, neendonga zayo, neengcango zayo, ngegolide; wakrola iikerubhi* ezindongeni.
8 Wenza indlu yengcwele kangcwele: ubude bayo, ngangobubanzi bendlu, bebuziikubhite ezimashumi mabini, nobubanzi bayo bebuziikubhite ezimashumi mabini; wayaléka ngegolide entle, ekwiitalente* ezimakhulu mathandathu.
9 Ubunzima bezikhonkwane bebuziishekele* ezimashumi mahlanu zegolide. Wawaleka ngegolide amagumbi aphezulu.