5 Indlu enkulu wayaléka ngemisipres,* wayaléka ke yona ngegolide entle, wenza kuyo amasundu nezidanga.
6 Wayivathisa indlu ngamatye anqabileyo ukuyihombisa; igolide leyo ibiyigolide yaseParvayim.
7 Wayaléka indlu, imiqadi, nemigubasi, neendonga zayo, neengcango zayo, ngegolide; wakrola iikerubhi* ezindongeni.
8 Wenza indlu yengcwele kangcwele: ubude bayo, ngangobubanzi bendlu, bebuziikubhite ezimashumi mabini, nobubanzi bayo bebuziikubhite ezimashumi mabini; wayaléka ngegolide entle, ekwiitalente* ezimakhulu mathandathu.
9 Ubunzima bezikhonkwane bebuziishekele* ezimashumi mahlanu zegolide. Wawaleka ngegolide amagumbi aphezulu.
10 Wenza endlwini yengcwele kangcwele iikerubhi ezimbini; zakrolwa ukusetyenzwa kwazo; wazaleka ngegolide.
11 Amaphiko eekerubhi ubude bawo bebuziikubhite ezimashumi mabini; iphiko elinye beliziikubhite ezintlanu, lada laya kufikelela eludongeni lwendlu; nelinye iphiko beliziikubhite ezintlanu, ukuya kufikelela ephikweni leyesibini ikerubhi.