9 Ngokuba, ukuba nithe nabuyela kuYehova, abazalwana benu noonyana benu bofumana imfesane kwababathimbileyo, babuyele kweli lizwe; ngokuba unobabalo, unemfesane uYehova uThixo wenu; akayi kubufihla kuni ubuso bakhe, ukuba nithe nabuyela kuye.
10 Izigidimi ezo zathungela imizi ngemizi ezweni lakwaEfrayim nelakwaManase, zesa kwelakwaZebhulon. Bazihleka, bazigculela;
11 kodwa amadoda athile akwa-Ashere nawakwaManase nawakwaZebhulon azithoba, eza eYerusalem.
12 Kananjalo isandla sikaThixo sabakho kwaYuda, ukuba abanike ntliziyo-nye yokwenza umthetho wokumkani nowabathetheli, ngowelizwi likaYehova.
13 Kwahlangana eYerusalem abantu abaninzi, ukuze benze umthendeleko wezonka ezingenagwele ngenyanga yesibini; baba libandla elikhulu kunene.
14 Besuka, bazisusa izibingelelo ezibe ziseYerusalem, bazisusa zonke iziqhumiselo, baziphosa emlanjaneni oyiKidron.
15 Bayixhela ipasika ngolweshumi elinesiné usuku lweyesibini inyanga. Ababingeleli nabaLevi bazidanela, bazingcwalisa, bazisa amadini anyukayo endlwini kaYehova.