13 noYehiyeli, noAzaziya, noNahati, noAsaheli, noYerimoti, noYozabhadi, noEliyeli, noIsemakiya, noMahati, noBhenaya, bengabaveleli phantsi kwesandla sikaKonaniya noShimehi umninawa wakhe, ngommiselo kaHezekiya ukumkani, noAzariya ingànga yendlu kaThixo.
14 UKore unyana kaImna, umLevi, ongowesango lasempumalanga, ubemele iminikelo kaThixo yabaqhutywa yintliziyo, ukuba awabe umrhumo kaYehova nezinto eziyingcwele kanye.
15 Ngaphantsi kwesandla sakhe ibinguEden, noMinyamin, noYeshuwa, noShemaya, noAmariya, noShekaniya, emizini yababingeleli, ngokunyanisa, ukuba babele abazalwana babo ngamaqela, abakhulu kwanjengabancinane;
16 iyodwa into eyindoda ebhalwe emilibeni yokuzalwa, ethabathele kominyaka mithathu ezelwe kwenyusa, kubo bonke abangenáyo endlwini kaYehova ukwamkela into yemini, ngangemini yayo, yomsebenzi wabo, ezigxineni zabo ngokwamaqela abo.
17 Ukubhalwa kwababingeleli emilibeni yokuzalwa kube kungokwezindlu zooyise; nabaLevi bebesezigxineni zabo ngokwamaqela abo, bathabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe kwenyusa;
18 ukuba kwabelwe iintsatshana zabo zonke ezibhaliweyo emilibeni yokuzalwa, abafazi babo, noonyana babo, neentombi zabo, kwibandla lonke. Ngokuba ngokunyanisa kwabo bazingcwalisa ke ngezinto ezingcwele.
19 Nangenxa yoonyana baka-Aron ababingeleli, ababesemhlabeni wamadlelo emizi yabo, emizini ngemizi yonke, kube kukho amadoda axeliweyo ngamagama, okuyabela izabelo into yonke eyindoda kubabingeleli, nabo bonke ababhaliweyo emilibeni yokuzalwa kubaLevi.