11 Àkanilahlekisi uHezekiya yini na, ukuba aninikele ekufeni yindlala nakukunxanwa, ngokuthi oku, UYehova uThixo wenu wonihlangula esandleni sokumkani waseAsiriya?
12 AsinguHezekiya na lo uzisusileyo izigànga zakhe nezibingelelo zakhe, wathi kumaYuda nakwiYerusalem, Qubudani phambi kwasibingelelo sinye, niqhumisele phezu kwaso?
13 Aniyazi na into endayenzayo, mna noobawo, ezizweni zonke zamazwe la? Bába nako nokuba nako na oothixo beentlanga zamazwe la, ukuwahlangula amazwe azo esandleni sam?
14 Nguwuphi na koothixo bonke bezo ntlanga, bàzisingela phantsi oobawo, owaba nako ukubahlangula abantu bakhe esandleni sam, ukuba abe nako uThixo wenu ukunihlangula esandleni sam?
15 Ke ngoko makanganilukuhli uHezekiya, makanganikhohlisi ngokunjalo. Musani ukukholwa nguye; ngokuba akubangakho namnye uthixo wazo zonke iintlanga nezikumkani, owaba nako ukuhlangula abantu bakhe esandleni sam, nasesandleni soobawo; wobeka phi na ke yena uThixo wenu? Akayi kunihlangula esandleni sam.
16 Babuya bathetha abakhonzi bakhe ngoYehova uThixo, nangoHezekiya umkhonzi wakhe.
17 Wabhala incwadi yokumngcikiva uYehova uThixo kaSirayeli, ethetha ngaye esithi, Njengokuba oothixo beentlanga zamazwe bengabahlangulanga abantu babo esandleni sam, ngokunjalo akayi kubahlangula noThixo kaHezekiya abantu bakhe esandleni sam.