15 Waphendula uHilekiya, wathi kuShafan umbhali, Ndiyifumene incwadi leyo yomyalelo endlwini kaYehova. UHilekiya wayinika uShafan le ncwadi.
16 UShafan wayizisa incwadi kukumkani; kanjako wambuyisela ilizwi ukumkani esithi, Konke obekunikelwe esandleni sabakhonzi bakho, bayakwénza;
17 bayikhuphéle imali eyafumanekayo endlwini kaYehova, bayinikela esandleni sabaphathi, nasesandleni sabenzi bomsebenzi.
18 UShafan umbhali waxela kukumkani esithi, UHilekiya umbingeleli undiniké incwadi. Wayilesa uShafan phambi kokumkani.
19 Kwathi akuweva ukumkani amazwi omyalelo, wasuka wazikrazula iingubo zakhe.
20 Ukumkani wabawisela umthetho ooHilekiya, noAhikam unyana kaShafan, noAbhedon unyana kaMika, noShafan umbhali, noAsaya umkhonzi wokumkani, esithi,
21 Yiyani nibuzise kuYehova ngenxa yam, nangenxa yamasalela akwaSirayeli nakwaYuda, malunga namazwi ale ncwadi ifunyenweyo; ngokuba bukhulu ubushushu bukaYehova, obuphalazelwe phezu kwethu, ngenxa enokuba oobawo bengaligcinanga ilizwi likaYehova, ukuba benze njengoko konke kubhaliweyo kule ncwadi.