5 Ubungqingqwa balo bebungangobubanzi besandla; udini lwalo belwenziwe lwanjengodini lwendebe, lwaneentyantyambo zeenyibiba; lwaye lungena iibhate* ezimawaka mathathu.
6 Wenza izitya zokuhlambela zalishumi; wabeka zazihlanu ngasekunene, zazihlanu ngasekhohlo, ukuze kuhlanywe kuzo, kuhlanjululwe into yomsebenzi wedini elinyukayo kuzo; ke lona ulwandle belulolokuze ababingeleli bahlambe kulo.
7 Wenza iziphatho zezibane zegolide zalishumi ngokwesiko lazo, wazimisa etempileni: zazihlanu ngasekunene, zazihlanu ngasekhohlo.
8 Wenza iitafile ezilishumi, wazimisa etempileni: zantlanu ngasekunene, zantlanu ngasekholo. Wenza ikhulu lezitya zokutshiza zegolide.
9 Wenza intendelezo yababingeleli, nentendelezo enkulu, neengcango zentendelezo; wazaleka iingcango zazo ngobhedu.
10 Walubeka ulwandle ngecala lasekunene layo indlu, lwabheka ngasezantsi.
11 UHuram wenza iimbiza, nemihlakulwana, nezitya zokutshiza.UHuram wagqiba ukuwenza umsebenzi, abewenzela ukumkani uSolomon endlwini kaThixo: