4 Eza ke onke amadoda amakhulu akwaSirayeli. Bayithwala abaLevi ityeya, bayinyusa ityeya,
5 nentente yokuhlangana, neempahla zonke zengcwele, ezibe zisententeni, bazinyusa ababingeleli nabaLevi.
6 Ke ukumkani uSolomon, nebandla lonke lamaSirayeli, elibe lihlanganiselwe kuye phambi kwetyeya, babingelela impahla emfutshane neenkomo ezingenakubalwa, ezingenakulinganiswa ukuba zininzi kwazo.
7 Bayingenisa ababingeleli ityeya yomnqophiso kaYehova endaweni yayo, endaweni yezihlabo endlwini, engcweleni kangcwele, phantsi kwamaphiko eekerubhi;*
8 ngokuba iikerubhi zaye ziwolule amaphiko phezu kwendawo yetyeya; iikerubhi zayisithelisa ityeya nezibonda zayo ngaphezulu.
9 Zazizide izibonda, zibonakala iincam zezibonda, zivelile etyeyeni phambi kwendawo yezihlabo, àzabonakala ngaphandle; zisekhona unanamhla.
10 Kwakungekho nto etyeyeni, yayingaloo macwecwe mabini kuphela, wawabekayo kuyo uMoses eHorebhe, oko uYehova wanqophisana noonyana bakaSirayeli ekuphumeni kwabo eYiputa.