1 Waza wathi uSolomon, UYehova wathi uya kuhlala esithokothokweni.
2 Mna ke ndikwakhele indlu yokuhlala, indawo yokuba uhlale ngonaphakade.
3 Wee guququ ukumkani ngobuso, walisikelela lonke ibandla lakwaSirayeli; lonke ibandla lakwaSirayeli lema.
4 Wathi: Makabongwe uYehova uThixo kaSirayeli, owathethayo ngomlomo wakhe kuDavide ubawo, wakuzalisa ngesandla sakhe, esithi,
5 Kususela kwimini endabakhuphayo abantu bam ezweni lamaYiputa, andinyulanga mziezizweni zonke zakwaSirayeli wokwakha indlu, yokuba igama lam libe kuyo; andinyulanga ndoda yokuba yingànga yabantu bam amaSirayeli;
6 ndanyula iYerusalem, ukuba igama lam libe khona; ndanyula uDavide ukuba abe phezu kwabantu bam amaSirayeli.