1 Ke kaloku akugqiba uSolomon ukuthandaza, umlilo wehla ezulwini, walidla idini elinyukayo nemibingelelo; ubuqaqawuli bukaYehova bayizalisa indlu.
2 Ababingeleli ababa nakungena endlwini kaYehova, ngokuba ubuqaqawuli bukaYehova bayizalisa indlu kaYehova.
3 Bonke oonyana bakaSirayeli, bakùbona ukuhla komlilo, nobuqaqawuli bukaYehova buphezu kwendlu, baguqa, babhekisa ubuso babo emhlabeni phezu kombekelelo wamatye, baqubuda, babulela kuYehova besithi, Úlungile, inceba yakhe ingunaphakade.
4 Ukumkani nabantu bonke babingelela imibingelelo phambi koYehova.
5 Wabingelela ukumkani uSolomon umbingelelo weenkomo ezimawaka amashumi mabini anamabini, nempahla emfutshane engamawaka alikhulu elinamanci mabini.Bayisungula indlu kaThixo ukumkani nabantu bonke.
6 Ababingeleli bema ezigxineni zabo; nabaLevi, beneempahla zokuvuma zikaYehova, awazenzayo uDavide ukumkani ukuba kubulelwe kuYehova, ngokuba ingunaphakade inceba yakhe, ekudumiseni kukaDavide ngezandla zabo. Ababingeleli bavuthela amaxilongo phambi kwabo, emi onke amaSirayeli.
7 USolomon wawungcwalisa umphakathi wentendelezo ebiphambi kwendlu kaYehova; ngokuba ebenzé khona amadini anyukayo, namanqatha emibingelelo yoxolo; ngokuba isibingelelo sobhedu, awasenzayo uSolomon, besingenako ukulilingana lonke idini elinyukayo, nominikelo wokudla, namanqatha.