18 ndoyimisa itrone yobukumkani bakho, njengoko ndamenzela umnqophiso ngako uDavide uyihlo, ndisithi, Akuyi kunqunyukelwa ndoda yakulawula kwaSirayeli.
19 Ke, ukuba nithe nabuya umva, nayilahla imimiselo yam nemithetho yam, endiyibeke phambi kwenu, naya nakhonza thixo bambi, nabanqula:
20 ndobanyothula emhlabeni wam endibanike wona. Nale ndlu, ndìyingcwalisele igama lam, ndoyilahla ebusweni bam, ndiyenze umzekeliso nento yentsini phakathi kwezizwe zonke.
21 Nale ndlu, noko iphezulu nje, bomangaliswa bonke abadlulayo kuyo, bathi, Yini na ukuba uYehova enjenje kweli lizwe, nakule ndlu?
22 Bathi ke, Kungenxa enokuba bamshiyayo uYehova uThixo wooyise, owabakhupha ezweni lamaYiputa, babambelela thixweni bambi, babanqula, bakhonza bona; kungenxa yoko wabuzìsayo bonke obu bubi phezu kwabo.