6 Bathi kuye, Kunyuké indoda, yeza kusikhawulela, yathi kuthi, Hambani nibuye, niye kukumkani lowo unithumileyo, nithethe kuye, nithi, Utsho uYehova ukuthi, Kungokuba kungekho Thixo kwaSirayeli na, le nto uthumela ukuba kubuziswe kuBhahali-zebhubhi, uthixo wase-Ekron? Ngako oko isingqengqelo eso, ùnyuke waya kuso, akusayi kuhla kuso; inene, uya kufa.
7 Wathetha kubo, wathi, Iluhlobo luni na indoda leyo inyukileyo yeza kunikhawulela, yathetha loo mazwi kuni?
8 Bathi kuye, Yindoda engubo ixhonti, ebhinqe umbhinqo wentlonze esinqeni sayo. Wathi ke, NguEliya waseTishbhi.
9 Ukumkani wathumela kuye umthetheli-mashumi-mahlanu, enamashumi omahlanu akhe. Wenyuka weza kuye; nanko ke ehleli encotsheni yentaba. Wathetha kuye wathi, Mfo wakwaThixo, úthe ukumkani, Yihla.
10 Waphendula uEliya, wathi kumthetheli-mashumi-mahlanu, Ukuba ke mna ndingumfo wakwaThixo, makuhle umlilo ezulwini, ukudle wena namashumi omahlanu akho. Kwehla ke umlilo ezulwini, wamdla yena namashumi omahlanu akhe.
11 Wabuya wamthumela kuye omnye umthetheli-mashumi-mahlanu, enamashumi omahlanu akhe. Wenyuka wathi kuye, Mfo wakwaThixo, útsho ukumkani ukuthi, Khawuleza uhle.
12 Waphendula uEliya, wathi kubo, Ukuba ke ndingumfo wakwaThixo, makuhle umlilo ezulwini, ukudle wena namashumi omahlanu akho. Wehla ke umlilo kaThixo ezulwini, wamdla yena namashumi omahlanu akhe.